3 Kambe wena ungqendeve phakathi kwabakudumisayo;nditsho wena ngangamela yakwaSirayeli.
4 Babekholose ngawe ookhokho bethu;babekuthembile, wabahlangula wena.
5 Bakhala kuwe, wabakhulula wena;babethembele ngawe, akwabadanisa.
6 Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.
7 Bonk' abandibonayo bayandigxwala;bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:
8 “Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;makamkhulule ukuba uyamthanda.”
9 Kanti ke nguwe owawundikhusele kwasekuzalweni kwam,wandilondoloza ndisesemabeleni kama.