6 Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.
7 Bonk' abandibonayo bayandigxwala;bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:
8 “Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;makamkhulule ukuba uyamthanda.”
9 Kanti ke nguwe owawundikhusele kwasekuzalweni kwam,wandilondoloza ndisesemabeleni kama.
10 Ndahlulelwa wena kwasekuzalweni kwam;ubunguThixo wam wena ndingekazalwa.
11 Mus' ukuba kude kum.Kaloku sele isemnyango imbandezelo;ibe akukho namnye ongandincedayo.
12 Zindingqongile iintshaba zam,ngathi ziinkunz' ezomeleleyo zaseBhashan;zindivelele macal' onke.