16 Buyela kum, Ndikhoyo, undenzele inceba;kaloku ndilikheswa, ndixhwalekile.
17 Ndikhulule kwintlungu endikuyo,undikhuphe ezimbandezelweni.
18 Qwalasela ubunzima nosizi endikulo,undixolele zonk' izono zam.
19 Zigqale ubuninzi bazo iintshaba zam,nendlela ebuhlungu ezindiphethe ngayo ngolunya.
20 Bukhusele ubomi bam, undihlangule;mandingadaniswa kaloku, kuba ndithembele ngawe.
21 Mandihlale ndingasoleki ndililungisa,kuba kaloku ithemba lam likuwe.
22 Bakhulule, Thixo, abantu bakho amaSirayelikuzo zonke iimbandezelo zabo.