1 *Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!Wena lungisa, uzundihlangule!
2 Ndibekele iindlebe, ukhawulez' undihlangule.Yiba yinqaba endizimela kuyo,nomkhuseli wam ondisindisayo.
3 Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.
4 Ndikhulule kwisabatha ebendigcayiselwe ngaso,kuba ungamandla am wena.
5 Ndiwunikela ezandleni zakho umoya wam;kaloku undihlangule wena, Ndikhoyo, Thixo othembekileyo.
6 Ndibathiyile abo banqula izintw' ezingento;mna ndikholosa ngawe, Ndikhoyo.