17 Mandingadani konke, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;mabadane abantw' abagwenxa, banyoshoze baye kufa.
18 Watsho athi cwaka amaxoki,wona anyelisa amalungisa ngeentetho zolunya nendelelo.
19 Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!
20 Uyabakhusela ngobukho bakho kumayelenqe abantu,ubagushe phantsi kwephiko lakho, bangagxijwa ziintshaba.
21 Makabongwe uNdikhoyo,kuba undenzele ububele obungummangaliso,xa ndandixiniwe, ndihlaselwa.
22 Ukothuka kwam ndathi ndilahlelwe kude nawe,kodwa wandiva ndakuzibika kuwe.
23 Mthandeni uNdikhoyo, nonke nina milowo yakwakhe,kuba uyabalondoloza abathembekileyo,abohlwaye abanekratshi.