21 Makabongwe uNdikhoyo,kuba undenzele ububele obungummangaliso,xa ndandixiniwe, ndihlaselwa.
22 Ukothuka kwam ndathi ndilahlelwe kude nawe,kodwa wandiva ndakuzibika kuwe.
23 Mthandeni uNdikhoyo, nonke nina milowo yakwakhe,kuba uyabalondoloza abathembekileyo,abohlwaye abanekratshi.
24 Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.