5 Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”wandixolela wena ityala lam.
6 Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.
7 Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.Undirhangqe ngosindiso lwakho;ngoko ke ndimemelela ndinemincili.
8 Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,ndikufundise, ndikujonge.
9 Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.
10 Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.
11 Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!