1 Mdumiseni *uNdikhoyo, nina malungisa!Ewe, afanele ukumdumisa uNdikhoyo amalungisa.
2 Mbetheleni uhadi uNdikhoyo,nimenzele ingoma ngeehapu ezingcingo zilishumi.
3 Mombeleleni ingoma entsha uNdikhoyo;mdlaleleni ngobuchule nimemelela.
4 Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.