15 Zidalwe nguye iintliziyo zabo;uyazazi zonke izinto abazenzayo.
16 Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;asimandla agorha alisindisayo.
17 Akuthenjelwa ngahashe edabini,kungemandla alo amsindisayo umntu.
18 UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayonabo bathembe izibele zenceba yakhe,
19 aze abahlangule ekufeni,abondle ngelixa lendlala.
20 Thina sithembele kuNdikhoyo,kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.
21 Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.