2 Mbetheleni uhadi uNdikhoyo,nimenzele ingoma ngeehapu ezingcingo zilishumi.
3 Mombeleleni ingoma entsha uNdikhoyo;mdlaleleni ngobuchule nimemelela.
4 Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.
5 UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;lizele ihlabathi zizibele zakhe.
6 Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.
7 Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.
8 Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,bamhlonele bonke abemi balo.