4 Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.
5 UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;lizele ihlabathi zizibele zakhe.
6 Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.
7 Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.
8 Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,bamhlonele bonke abemi balo.
9 Wathetha kaloku, laza ladalwa;wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.
10 Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,awaphanzise amacebo eentlanga.