11 Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.
12 Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,lowo unga angafumana imihla emnandi,
13 makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;
14 makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
15 Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo;
16 kodwa ubafulathele abenzi bobubi,abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.
17 Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.