14 Ndangathi ndithandazela umhlobo wam nomntakwethu;ndathokombisa intloko ngokungathi ndizilela umama.
15 Ndithe ke ndakuba sengxakini,baqokelelana bandihleba,ndanyeliswa nazizinto endingazaziyo.
16 Bandenza intlekisa, bandingcungcuthekisa,bendijamela ngentiyokazi enkulu.
17 Koda kube nini na kodwa ubukele, Ndikhoyo?Nceda ndihlangule kwabandiqwengayo;busindise ubomi bam kwezi ngonyama.
18 Ndokubonga phakathi kwebandla,ndikuncome esidlangalaleni.
19 Mazingandivuyeleli ngobuxoki iintshaba zam,bangandisinekeli abo bandithiya ndingenatyala.
20 Bona abathethi ngemibandela yoxolo,koko bayila ubuxoki ngabathand' uxolo.