7 Kaloku bebendigcayisele ndingenzanga nto,befun' ukunditshonisa emhadini kungekho sizathu.
8 Mabatshabalale ngequbuliso bengekaqondi,barhintyelwe nguloo mgibe bebendigcayisele ngawo,beyele kuwo, batshabalale.
9 Ndovuya ke, ndichulumache,kuba uNdikhoyo undihlangule.
10 Ndothi ngomxhelo wonke: “Akakho onjengawe, Ndikhoyo.”Wena uhlangula iindwayi kwabanamandla kunazo,ukhusele indwayinge kubacinezeli.
11 Kuvele amangqina athetha ulwimi ngam,andinkqangisa ngezinto endingazaziyo;
12 andibuyekeza ubuhle ngobubi,ndatsho ndaphelelwa lithemba.
13 Kodwa mna, okuya babegula, ndambatha ezirhwexayo,ndazicinezela nangokuzila ukutya, ndithandaza ngentobeko.