8 Baxhamla intlutha yendlu yakho;ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.
9 Wena ulithende lobomi;ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.
10 Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,uwabonelele amalungisa.
11 Mandinganyhashwa ngeenyawo ngabanolunya,ndingantlithwa zizandla zabagwenxa.
12 Bawile daxa abantw' abagwenxa;bakhahlelwe phantsi, abavuka.