19 Akayi kuntshubaza ngamaxesh' endlala;ohlutha naxa ikati selilel' eziko.
20 Ke zona iintshaba zikaNdikhoyo zotshabalala,zibhange zixel' ingca etshayo edlelweni.
21 Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,ke lona ilungisa lipha ngesisa.
22 Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,bagxothwe abo abaqalekisayo.
23 NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;nguye omenza akholeke kuye.
24 Nokuba uwile, uyavuka,kuba nguNdikhoyo omthundezayo.
25 Ndiyaluphala ngoku,ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,nabantwana balo belamba.