15 Ndikhoyo, ndithembele ngawe;nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.
16 Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.
17 Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.
18 Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.
19 Banamandla abo baziintshaba zam,nâbo bandithiya kungekho sizathu.
20 Ubuhle bandibuyisela ngobubi,naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.
21 Zungandifulatheli, Ndikhoyo;Thixo wam, mus' ukuchasela kum.