18 Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.
19 Banamandla abo baziintshaba zam,nâbo bandithiya kungekho sizathu.
20 Ubuhle bandibuyisela ngobubi,naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.
21 Zungandifulatheli, Ndikhoyo;Thixo wam, mus' ukuchasela kum.
22 Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!