6 Ndibandezelekile, ndiphelile,kangangokude ndizile imini yonke.
7 Ndiyapena-pena ziintlungu;andinampilo konke.
8 Ndoyisakele kwaphela;ndiyagcuma ziintlungu nalixhala.
9 Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,uyaziva zonke iincwina zam.
10 Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,namehlo am selebona kaluzizi.
11 Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,nkqu nentsapho yam le icezela phaya.
12 Bayandithiyela abafuna ukundibulala;bayandoyikisa abazungula ukundenzakalisa;bayandibhunga imini yonke.