10 Mus' ukuba sandohlwaya;mus' ukundinkula ndide ndenzakale.
11 Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.
12 “Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;ndive, ndakuzibika kuwe.Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,kuba ndiselugcinweni lwakho,nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
13 Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”