3 Ndavalwa luvalo ndisacamanga,ndavukwa ngumva-ndedwa,ndavakala ndibuza ndisithi:
4 “*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bamnenani lemihla yokuphila kwam.Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.
5 Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;umntu ufana nomphunga nje kuwe.
6 Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;ubila esoma nje ngenxa yelize;uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.
7 “Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?Elam ithemba likuwe.
8 Ndikhulule kuzo zonke izono zam,ndingade ndihlekwe nazizidenge.
9 Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,kuba nguwe ondifake kule meko.