5 Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;umntu ufana nomphunga nje kuwe.
6 Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;ubila esoma nje ngenxa yelize;uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.
7 “Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?Elam ithemba likuwe.
8 Ndikhulule kuzo zonke izono zam,ndingade ndihlekwe nazizidenge.
9 Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,kuba nguwe ondifake kule meko.
10 Mus' ukuba sandohlwaya;mus' ukundinkula ndide ndenzakale.
11 Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.