6 Wena akuwananze nganto amadini neminikelo,akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono,kambe ke undinike indlebe evayo.
7 Kungoko ke ndathi mna:“Njengoko kubhaliwe ngam encwadini, ewe, ndim lo.
8 Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.”
9 Ndizixelile ebandleni iindaba zakho zosindiso;Ndikhoyo, uyazi ukuba andikuyeka ukuzibalisa.
10 Andilufihlanga udaba losindiso lwakho;bendisoloko ndibalisa ngokunyaniseka noncedo lwakho;andilifihlelanga ibandla lakho izibele zakho nenyaniso yakho.
11 Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;ndilondoloze ngenceba nenyaniso.
12 Zindivelela macal' onke iingxaki.Ndixakene nezono zam, azindiphi mtyhi konke.Nditsho ndatyhafa, kuba zininzi ngangeenwele zentloko yam.