4 Ke mna ndathi: “Ndikhoyo, ndenzele inceba!Ndikonile; nceda ndiphilise!”
5 Zahlekisa ngam iintshaba zisithi:“Uya kufa nini kakade, angabi sakhunjulwa bani?”
6 Nabo baze kundivelela abakho ntweni,bezela nje ukuza kuva ulwimi,bahambe besasaza intlebendwane.
7 Zihamba zindihleba iintshaba zam,zindinqwenelela okubi.
8 Zihamba zisithi: “Ukufa mumosele!Akanakuba savuka kumandlalo wakhe!”
9 Ewe, nesihlobo sam esisenyongweni ebendisithembile,nditsho kanye eso sabelana ngeqhekeza lesonka,naso sindivukele.
10 Ndikhoyo, ndenzele inceba, ndiphakame,ndize ndiziphindezele kwiintshaba zam.