7 Zihamba zindihleba iintshaba zam,zindinqwenelela okubi.
8 Zihamba zisithi: “Ukufa mumosele!Akanakuba savuka kumandlalo wakhe!”
9 Ewe, nesihlobo sam esisenyongweni ebendisithembile,nditsho kanye eso sabelana ngeqhekeza lesonka,naso sindivukele.
10 Ndikhoyo, ndenzele inceba, ndiphakame,ndize ndiziphindezele kwiintshaba zam.
11 Phofu ke ndiyazi ukuba undikhathalele,kuba azinakundivuyelela iintshaba zam.
12 Uyandinceda kuba ndimsulwa;undibeka phambi kwakho ngalo lonke ixesha.
13 Makabongwe uNdikhoyo,uThixo kaSirayeli,ngoku kude kube nini-nini!Amen, ewe, makube njalo!