1 Ewe kambe, sizivele ngezethu iindlebe, Thixo.Kaloku amanyange asibaliselangezigigaba zakho zemihla yawo yamfamlibe.
2 Wena wazigxotha iintlanga,waza bona abantu bakho wabamilisela elizweni lazo.Wazitshutshisa iintlangawaza bona abakho wabathi jize ngenkqubela.
3 Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakhonefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.
4 Wena unguKumkani noThixo wam.Lumiselwa nguwe uloyiso lwakwaYakobi.