12 Abantu bakho wabathengisa ngelize,wena akwafumana nzuzo ngabo.
13 Usenze intsini kubamelwane,satsho sasisigculelo nesenyelisokwezo zizwe zisingqongileyo.
14 Ngoku singundaba-mlonyeni phakathi kwezizwe;sesingabasizelwayo kulo lonke elimiweyo.
15 Ndisoloko ndithiwe mbende lihlazo.Ke zona iintloni zindongamele
16 ngenxa yempoxo nezenyelisoezigityiselwa kum ziintshaba ezindivukeleyo.
17 Zonke ezi zinto zasihlela,nangona singazange sakulibala thina,okanye siwutshinizele umnqophiso wakho.
18 Asizange sikufulathele thina,singazange sanxaxha endleleni yakho.