5 Ngoncedo lwakho siyazingqula iintshaba zethu;ngegama lakho siyabaxovula abasihlaselayo.
6 Andixhomekekanga kolwam utolo,ndingaqamelanga ngalo nekrele.
7 Hayi, nguwe owasihlangulayo ezintshabeni zethu;ikwanguwe owabaduba-dubayo abasithiyileyo.
8 Thina siqhayisa ngoThixo njalo-njalo,saye siya kumdumisa nanini-nanini.
9 Kambe ke usilahle satsho sahlazeka,njengoko ungasaphumi nemikhosi yethu.
10 Wena usiyekele zasiswantsulisa iintshaba,zaza zathimba amaxhoba ngokuthanda kwazo.
11 Wena usiyekele saxhelwa njengeegusha;usithathe wasisarhaza phakathi kweentlanga.