1 Qhwaban' izandla, nonke zizwe;dandulukani, niculel' uThixo nivuya.
2 *UNdikhoyo unguPhezukonke,ufanelwe kukuhlonelwa.Yena uyingangalala yokumkanielawula ihlabathi jikelele.
3 Yena wasithi jize ngoloyiso,izizwe sazinyathela ngeenyawo;kungaye sizilawula nje izizwe.
4 Yena wasikhethela ilifa,iqhayiya lakwaYakobi amthandayo.