9 Phakathi endlwini yakho, Thixo,siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.
10 Ukudunyiswa kwakho, Thixo,kukwanjengegama lakho,kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.Ulawulo lwakho lunobulungisa.
11 Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;mazidlokove izixeko zelakwaJuda.Kaloku kulungile ukugweba kwakho.
12 Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.
13 Ewe, zigqaleni iindonga zayo.Khanizihlole izakhiwo zayo,ukuze nibalisele izizukulwana.
14 Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.