1 Khawuwabekel' iindlebe amazwi am, *Ndikhoyo,usigqale isingqala sam.
2 Kuve ukukhala kwam, kumkani wam, Thixo wam,xa ndithandazayo kuwe.
3 Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.
4 Kaloku unguThixo ongadlelaniyo nobugwenxa;akukunyamezeli ukungcola phambi kwakho.