9 Kambe azisamkeleki iinkunzi zakho zeenkomo;ngokunjalo neebhokhwe zemihlambi yakho.
10 Kaloku zezam zonke izilwanyananeenyamakazi ezikumawaka-waka eenduli.
11 Xa zizonke iintaka ndiyazazi;nezinambuzane zamathafa zezam.
12 “Xa bendingalambayo, bendingayi kukubikela.Kaloku lelam ihlabathi nezinto zalo.
13 Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?
14 Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.
15 Zibike kum xa usengxakini;mna ndiya kukuhlangula, ke wena undidumise.”