2 Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!
3 Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;isono sam sindithukuthezele.
4 Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,ndenze into ekuhlazisayo.Ngoko ke undigwebe ngakhona;isigwebo sakho sifanelekile.
5 Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.
6 Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;ndincede undiphe ingqiqo enzulu.
7 Ndihlambe undicokise ndicoceke;ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.
8 Mandiphuphume luvuyo nemincili;nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.