6 Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:
7 “Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,owasuka wakholosa ngobutyebi,waphumelela ngobutshijolo!”
8 Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;ndihlala phakathi endlwini kaThixo.Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;kuya kude kube ngunaphakade.
9 Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.Ndithembele kuwe kuba ulungile.Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.