3 Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.
4 Abanangqondo na abakhohlakeleyo,abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bengamnquli nokumnqula uThixo?
5 Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.
6 Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli!Akuba uThixo eyibuyisele inkqubela yabantu bakhe,abakwaYakobi baya kugcoba, achulumache amaSirayeli.