11 Ewe, siphuphuma intshabalalo;ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.
12 Kambe ke andingcikivwa lutshaba.Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,okanye bendingamphephayo.
13 Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.
14 Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.
15 Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.
16 Kambe ke ndibhenela kuThixo.Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.
17 Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.