17 Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.
18 Yena uza kundikhulula,ndingenawo nowempumlo,kweli dabi ndikulo,kwezingaka zona iintshaba.
19 Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;waye ke eya kuzibhukuqa.Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.
20 Ewe, obefudula engugxa wamsuka wavukela izihlobo zakhe,wasaphula isithembiso sakhe.
21 Yena wayethetha kamnandi,kodwa intliziyo yona ifukam' inkohlakalo.Amazwi akhe ayelalanisa,kodwa engebukhali, eyintshengeca!
22 Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa.
23 Kambe ke, Thixo,uya kubeyelisela enzonzobileni abangendawo,ababulali namatshijolo,bengekagqibi nesiqingatha sobomi.Ukanti ke mna ndiya kukholosa ngawe.