9 Nqanda, Mhlekazi!Waphuthise amacebo abo!Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.
10 Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.
11 Ewe, siphuphuma intshabalalo;ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.
12 Kambe ke andingcikivwa lutshaba.Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,okanye bendingamphephayo.
13 Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.
14 Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.
15 Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.