1 Ngaba anikhethi buso na kodwa,nina balawuli, xa nilawulayo?Anibalamli ngegobe kodwa abantu?
2 Hayi bo! Niyila inkohlakalo;kweli hlabathi naba ugonyamelo.
3 Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.
4 Banobuhlungu njengeenyoka;banjengenyushu ezenza isithulu,
5 ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;ubuqili benkintsela bungasebenzi.
6 Khawubaphule loo mazinyo, Thixo;wafohloze amabamba engonyama, *Ndikhoyo.
7 Mabaphel' emehlweni, baxel' amanzi ehamba ngomsele.Mabajolise ngeentolo ezibuthuntu.