3 Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.
4 Banobuhlungu njengeenyoka;banjengenyushu ezenza isithulu,
5 ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;ubuqili benkintsela bungasebenzi.
6 Khawubaphule loo mazinyo, Thixo;wafohloze amabamba engonyama, *Ndikhoyo.
7 Mabaphel' emehlweni, baxel' amanzi ehamba ngomsele.Mabajolise ngeentolo ezibuthuntu.
8 Mabanyibilike, baxel' inkumba.Mabaxel' imva-mbilini ejik' endleleni.
9 Imbiza ingekawuva umlilo,noba wokhekile, noba awokhekanga,izikhohlakali ziqweqwediswa zingabi sabonakala.