6 Baphuma ngamarhatya,ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.
7 Nâbo begragrama,iilwimi zabo ngathi likrele;bathi ngubani obakhathaleleyo.
8 Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.
9 Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;ulikhakha lam, wena Thixo.
10 Ngenxa yokuba undithandauyandihlangabeza, Thixo wam;uya kuziswantsulisa iintshaba zam.
11 Musa ukubatshabalalisa, Thixo,khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.
12 Kukrwada ukuthetha kwabo;mabaxakane nekratshi labo,kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.