5 Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;kaloku nguye yedwa ithemba lam.
6 Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.
7 Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.
8 Maxa onke thembelani kuye, bantundini,nizityand' igila kuye;kaloku uThixo yinqaba yethu.
9 Abantu bafana nomphunga.Umntu yinto engento yanto.Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;hayi, kubhetele kwaphepha.
10 Musa ukuqamela ngezigalo;musa ukuthembela ekuphangeni.Noba bungade bufumbe ubutyebi,wena musa ukuqamela ngabo.
11 Nto zimbini azithethileyo uThixo:Le yokuba amandla ngawakhe,