8 Maxa onke thembelani kuye, bantundini,nizityand' igila kuye;kaloku uThixo yinqaba yethu.
9 Abantu bafana nomphunga.Umntu yinto engento yanto.Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;hayi, kubhetele kwaphepha.
10 Musa ukuqamela ngezigalo;musa ukuthembela ekuphangeni.Noba bungade bufumbe ubutyebi,wena musa ukuqamela ngabo.
11 Nto zimbini azithethileyo uThixo:Le yokuba amandla ngawakhe,
12 nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.