4 Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.
5 Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.
6 Emandlalweni wam ndicinga ngawe;ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.
7 Kaloku wena uluncedo lwam;ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.
8 Ndizimisele ukuthi nca kuwe;kaloku wena uyandixhasa.
9 Ke bona abafunana nobomi bambaya kweyela kwelabafileyo.
10 Baya kubulawa ngekrele,babe lixhoba leengcuka.