7 Kaloku wena uluncedo lwam;ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.
8 Ndizimisele ukuthi nca kuwe;kaloku wena uyandixhasa.
9 Ke bona abafunana nobomi bambaya kweyela kwelabafileyo.
10 Baya kubulawa ngekrele,babe lixhoba leengcuka.
11 Ke yena ukumkani uvuyiswa nguThixo.Bonke abaqamela ngaye baya konwaba.Amaxoki ke wona aya kusikw' umlomo.