1 Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon,zifezekiswe kuwe izibhambathiso.
2 Wena uyawugqala umthandazo;bonke baya kuza kuwe.
3 Ngenxa yobugwenxa bethuiziphoso zethu ziyasongamela,kodwa wena uyasixolela.
4 Uthamsanqelekile omnyulayo wena.Lowo umhlalisa enkundleni yakwakho.Siya kufumana ukwanela endlwini yakho,apho kukho ubunewu-newu nobungcwele.