7 Ungumthozamisi weelwandle ezilwayo,umthibazi wamaza alatyuzayo,umthomalalisi wezizwe ezixokozelayo.
8 Nabaseziphelweni zehlabathi bathi,bakuzibona ezi zinto, barhwaqele.Ngapha nangapha wena uhlwayela ulonwabo.
9 Ilizwe wena ulalusa ngemvula;wena ulitsho libe yintombazana.Ke yona imilambo iyankcenkceza;uyabalungiselela bafumane indyebo.
10 Amasimi uwavathisa ngemvula, atsho ee thinte ngamanzi.Umhlaba uwunyakamisa ngomvimbi, zitsho ziqhame izityalo.
11 Unyaka uwuthi jize ngendyebo,kuvuz' ubusi namafutha kwimizila yeenyawo zakho.
12 Amadlelo athe thande yimfuyo;iinduli zimbeje-mbeje, ziyavuya.
13 Idobo liphanjwe yimihlambi;iintili zivathiswe likhaba.Ziyakratsha, ziyacula zinemincili.