1 Khanitsho ngentsholo nidumisa,nibong' uThixo, nonke bemi behlabathi!
2 Culani nidumise isidima sakhe;khanimtyibele nimemelele!
3 Dandulukani, nithi kuThixo:“Iyamangalisa imisebenzi yakho;ubungangamsha bakho bunabile;buzitsho neentshaba zakho zinkwantye.
4 Ihlabathi liphela likhahlela kuwe,livum' amaculo, lidumisa wena;liyamemelela, libong' igama lakho.”
5 Yizani niyibone imisebenzi kaThixo;izenzo zakhe ziyalumangalisa uluntu.
6 Ulwandle walujika lwayinkangala.Umlambokazi bawuwela betabhata.Ngenene sachulumacha ngenxa yakhe.