5 Yizani niyibone imisebenzi kaThixo;izenzo zakhe ziyalumangalisa uluntu.
6 Ulwandle walujika lwayinkangala.Umlambokazi bawuwela betabhata.Ngenene sachulumacha ngenxa yakhe.
7 Igunya lamandla akhe alinamida.Iliso lakhe lizalusile izizwe;nezibhoja mazingajambalazi.
8 Mncomeni uThixo wethu, nonke zizwe!Izibongo zenu maziviwe nangabakude.
9 Yena wasithundeza wasixhasa;akasiyekelanga ekutyibilikeni.
10 Kaloku, wena Thixo, usivavanyile;usicikide njengesiliva.
11 Wasiyeka sagaxeleka elubobeni;wasiyekela sathandelwa ziinkxwaleko.