1 Ngamana waphakam' uThixo,waziswantsulis' iintshaba zakhe.Banga bangaba ziintsali abamthiyileyo.
2 Mabaphaphatheke; bavuthele, bathi shwaka, baxel' umsi.Mabanyibilike, baxel' umthwebeba emlilweni.Mababhubhe phantsi koThixo abakhohlakeleyo.
3 Ke wona amalungisa makonwabe.Wona makavuye phambi koThixo.Ewe, makabe nemihlali nemincili.
4 Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.Igama lakhe *nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.